Khula EC with Majola

Khula EC with Majola Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Khula EC with Majola, Non-Governmental Organization (NGO), Church Street, Peddie.

Ngamanye amaxesha ndiske ndiphelelwe ngamazwi xa soloko silala sivuke ngendaba zokubulawa kwabantwana babantu.
08/06/2026

Ngamanye amaxesha ndiske ndiphelelwe ngamazwi xa soloko silala sivuke ngendaba zokubulawa kwabantwana babantu.

U Retsepile Khutlang ona 25 ubehlezi nabangani bakhe kumnandi Saturday afternoon, endaweni yase Khauoe location e Matatiele e Eastern Cape

Kuthe kusamnandi kunjalo kwavele kwafika isoka lakhe lathi akeze bahambe...unqabile wathi ngeke akwazi ukuhamba nalo usahlezi nabangani bakhe

Livele lacasuka lakhipha umbese lambulala phambi kwabo abangani bakhe...kumanje libalekile

07/06/2026

UYANCEDAKALA UMAMA WASE BUHLANYANGA E LUSIKISIKI BETHUNA

Umama una 59yrs ubudala nophila nokukhubazeka nanjengoko umbona kule video, uyakufumana ukuhoywa ngu Rhulumente.

NDIYABULELA KAKHULU KU PREMIER OSCAR MABUYANE kuba mna ndathumela kuye ndathumela naku CLLR VAVA phaya e INGQUZA HILL MUNICIPALITY.

Ndinethemba elikhulu ukuthi lentlungu yaye yafikelela naku Mayor, kodwa mna ndibhekisa apha ku Premier kuba Xa ifikelele kuye kubakhona ukunyakaza.

ENKOSI NAKWIFUTHE LE SOCIAL MEDIA kuba wonke umntu ebezamile ukukhwaza for uncedo lwalomama.

Ngaske athiwe jize ngebhedi Xa kunje ukuze alale mfa-mfuma, athi khotsho kwiingubo ezilafulafu.

Enkosi bethuna masigcinane sixhasane.

Rhonantini

PETROS MAJOLA
07/06/2026

06/06/2026

UNGCWATYIWE U NAKHANE RAFANI - SONANZE (4), KUTYHOLWA NGELITHI UTSHONISWE NGOMNYE UMNTANA (12) KWI DRAIN/MANHOLE WARHAXWA E ALEXANDRIA OKANYE EMNYAMENI

Usapho luyabulela kumntu wonke oxhasileyo, kuquka ne Ndlambe Local Municipality. Ungcwatywe ngalo Saturday 06th June 2026

Menze aphumle ngonaphakade nkosi, umkhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo umntana.

PETROS MAJOLA
06/06/2026

06/06/2026

Uxolweni nge background music

IDA HIGH SCHOOL IKWIFAMA KUFUTSHANE NE INDWE YENZA KAKHULU.

Iphantsi kwe Chris Hani West nekhokelwa ngu MR. GODLO u District Director, u Mhloli wesisikolo ngu MR. STOFILE, Principal wesikolo ngu MR. LUKHANJI.

OTISHALA besisikolo kuyacaca bazimisele basebenza ngentliziyo ezinothando, lonto ichazwa ziziphumo.

Ngonyaka ka 2024 U Grade 12 walapha wapasa ngo 100%
Ngonyaka ophelileyo 2025 kwapaswa ngo 94.7%
Ku term1 walonyaka ka 2026 U Grade 12 upase ngo 95%

ENKOSI kakhulu botishala ngenkathalo nothando.

BATHI abantwana kulonyaka bayabuya kwakhona no 100% nangona befundela kwimeko ezinzima, ngakumbi xa kukho ukuxinga kwi Scholar Transport.

Phambili IDA Farm School

PETROS MAJOLA
06/06/2026

Kwanga kungakuhle kubo bonke abantwana bethu ngelithuba lemviwo, nibaxhase kaloku nani bazali.Ndiyabulela apha ku DR. PE...
02/06/2026

Kwanga kungakuhle kubo bonke abantwana bethu ngelithuba lemviwo, nibaxhase kaloku nani bazali.

Ndiyabulela apha ku DR. PEYANA ongu District Director of OR Tambo Coastal.

31/05/2026

UTSHONE KWI DRAIN/MANHOLE WARHAXWA WAFUNYANWA SELE EDADA EBANDA UMNTANA (4) WASE ALEXANDRIA OKANYE EMNYAMENI

NAKHANE RAFANI -SONANZE (4yr old boy) ugqityelwe edlala nenye inkwenkwe ena 12yrs kwindawo eseyikhangeleka ilityelwe ngu Ndlambe Local Municipality kufutshane nezindlu kwiilokishi i Nonkqubela e Mnyameni, cebu kuhle KU R72 phakathi kwe Port Alfred ne Nanaga xa usiya e Bhayi okanye Gqebera.

Yenzeke Tuesday 26/05/2026 nalapho akhangelwe imva kwemini yonke, kutyholwa ngelithi utyilizwe yilenkwenkwama ena 12yrs weyela kulomhadi unzulu.

UNGCWATYWA ngo Saturday 06/06/2026, usapho lungaluvuyela uncedo nangona kukho nesithembiso sika Masipala.

BANKING DETAILS
Capitec Bank
Acc. No. 2108927626
Mr. Z. Sonanze
Linked No. 0824449658

Othethela usapho ngu
MR. FIKILE SONANZE
0623350190

Menze aphumle ngonaphakade nkosi, umkhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo umntana.

PETROS MAJOLA
31/05/2026

29/05/2026

ISEBE LEZEMPILO E MPUMA KOLONI LINAMAXESHA OKWENZA OWN GOALS

Umfo walapha e Ngqushwa ohlala e Bhayi okanye Gqebera uthe ngenye intsasa ekhapha umntana wakhe esiya kula Clinic yathiywa ngeqhawe lalapha kuthi ubhuti Max Madlingozi, wafika past 11am.

IMPOXO xa efika wathi U Security Guard KUVALIWE LIGCWELE INANI LANAMHLANJE, wajika engancedwanga.

Lendoda yaxolela ukuya kubhatala e Pharmacy for amayeza kuba unyana wayebambekile.

Ibuhlungu le yokujikwa ngo Security Guard ube ngeloxesha ugula, ANDIBAGXEKI bona abantwana babantu kuba balandela imithetho yengqesho, kodwa ngaske kubekho enye indlela esetyenziswayo yokujonga ubungakanani bokugula oku.

Sisentweni, qha phi ke, wakubacebisa bayakhubeka.

Mpela veki emnandi

PETROS MAJOLA
29/05/2026

25/05/2026

SICELA UNCEDO LWENDLU FOR UMAMA WASE BUHLANYANGA E LUSIKISIKI BETHUNA

Umama una 59yrs ubudala kwaye imeko yakhe ayikho ntle kakhulu.

Uphila nokukhubazeka nanjengoko umbona kule video, imeko yakhe ifanele abe kanti uhlala kwindlu enesidima.

PHONE KAMAMA ISENENGXAKI, kungafonelwa kumama u NOPHELO SOGABA ku: 0736377677, uzakudibanisa nomama.

Ndiyathemba la Masipala wase INGQUZA HILL uyakukhe acingisise enze ngenceba.

Enkosi

PETROS MAJOLA
25/05/2026

24/05/2026

ABANYE BABAHLALI BASE TYENI NDAWONYE NOSAPHO LAKWA KHIWA E MAJOLA E SAJONISI BATHI ENKOSI KU RHULUMENTE

Bathi inkonzo zika Rhulumente phantsi ko Masipala wase Port St Johns azifikeleli kubo, zigqaza iinombolo.

BENDIKWI FUNERAL SERVICE KA MZINYEZWA ZIQHU.

Bavuyile ngokubekwa kwalendlu yethutyana kuba bekunzima kakhulu.

Ndicela singabalibali abantu abasibeke kwezindawo sikuzo.

Ndiyaphinda ndithi akumelanga uba sikhala ku PREMIER OSCAR MABUYANE ngento yonke kuba zikhona iinkokeli nabasebenzi baka Rhulumente abakhoyo for ukuwenza lomsebenzi.

Rhonantini

PETROS MAJOLA
24/05/2026

22/05/2026

LO DEPT OF HEALTH WALAPHA E MPUMA KOLONI UZAKUMENZA ACATSHUKELWE NGABANTU U RHULUMENTE.

Nangona ndincoma apha ku PREMIER OSCAR MABUYANE ngokuzidina nangokusabela xa ebizwa, kuzakufuneka mhlawumbi alivale elisebe LEZEMPILO ukuze ezizakhiwo kunikezelwe ngazo ezikolweni ibe zi HOSTELS.

Mhlawumbi ke ezinye kwenziwe Skills Centres, kuba ngoku lisinqunqela egoqweni eliSebe..

Nanku usisi XOLISWA DYALVANI owaziwa ngelika GOGO U XOLIE waku Gompo ebisakubizwa nge Monti esichubela ngentlungu yakhe.

Uxhelekile u XOLISWA, nam bekhe ndazama ukusondela kwelisebe namacebiso kodwa ndiphawula ukuthi sonke basibona ngengezigulane xa besijongile.

Kunzima

PETROS MAJOLA
22/05/2026

Address

Church Street
Peddie

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Khula EC with Majola posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Organization

Send a message to Khula EC with Majola:

Share