10/07/2025
Bendiqala Ubona Umntu Ekhala eTaxin😭😭 Ndikhwele Taxi Kusasa Ndiyaphangela. Fine Kungene uMakoti ufunqule Umtana noba Na 8 months. Ahlale ecakwam umtana umjongise Phambili. Ithenje uba isuke Taxi wakhala ndimjonge yhoo Akakhali maarn ziyazehlela inyembezi. Khange Ndibuze noba uRyt na imeko ibibhalwe Ebusweni Nabanye abakhweli Bamqaphele ndathi Sapha umntwana ati Ingxaki Akafuni ambone Ekhala. Athathwe ngababahleli ngeMva mna ndiyamThuthuzela nam Ndiyakhala. Siphiwe iTissue nguMakhulu ebephambi Kwam. Driver Kanti uyasibona amise iMoto ecalen ati sivale amehlo athandaze. Yhoo Akathandaza uBhuti wabantu Pity Khandibuze negama lakhe Okanye reg no Kodwa soze Ndimlibale hay Jonga bakhona Abantu abakwaziyo uthandaza Ndaziva ndihaphu-haphu Kanti nam Bendiwudinga lamthandazo. Wayeka noKoti ukhala Sadibanisa imali wathi uDriver uKoti angabhatali. Wabuza Driver Mama uyaphi Wathi eMortuary uyo Identify uMyeni wakhe 💔💔 Driver Wakupha R100 wathi Athengele umntana iYoghurt Akemncinci phofu ukoti ndathi wow people are going through rough times