Lento iluthando ngum khohilsi

Lento iluthando ngum khohilsi Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Lento iluthando ngum khohilsi, Border post location, King William's Town.

15/11/2023

Nibona ndinqaba kuba nzima zi data kubi ngeli xesha akho mali

15/11/2023

Lento iluthando ngum khohlisi

Inster 39📝

Zobuhle

Ndiphaphame ndise sibhedlela kungene unesi wabe esitsho baa yii veki ndilele apha oko k*mane kufika omnye wama wele azoni bona oko elila andiqondi ubhale kakuhle imviwo zakhe ..haybo ndothukile uva ezondaba

Me : owh abantwana bam liphi elinye iwele ndibuze ndibu ncuma

Nesi : wathi woku bona usiwa kuthwa waphuma wabaleka edleleni watshayiswa yimoto ukwi koma ngoku

Me : soze hay ngomntana wam hay andivumi uphi ndifuna umbona .bendiphuma izithuba ndifuna uphakama kodwa umzimba ubunga vumi ..kungene u Qhamokuhle sele ebaleka ehamba no Akha no Enzokuhle zivele zehla inyembezi k*m

Qhamo : utheni umama ngoku nesi waphuma izithuba evuka

Nesi : usandova ngendaba yewele lakho yilonto enjer

Qhamo : kuzokunga mama naku no makazi ukhona cela uqine ntombi kuzodlula

Me : Akha umntana wam thixo thatha mna nothi Aqha no andivumi bawo

* Akha .kundophule intliziyo xa ndibona umntana ka mama enjer mna bendiqala uza kuba zange ndixelelwe ngalento ebebitye u Qhamo umbona akonwabanga kwaphela

Ngoku beku ngo December wonke ubani ebile emanzi elungiselela imini ekulu oko sasise bhayi ndizo xhasa umntana ka mama bencono noko kunento ebeyiyo ebehamba ngentonga kuba kusenzima kuye uzihambela engeka qheli

Waphuma kudala esibhedlela bekusele u Aqha oko wayelele ke yena kungekho tshintso kuye .

namhlanjer ibizi 24 zika December ndivuke ndacoca wabe endincedisa umamzo ndabe sele ndimnika imali yakhe wahamba uya kwakhe wabe ezubuya ngo January noko kudala elapha ndiphekile no Enzo no Qhamo sincedisana

Siphakile ke waza no Buhle satyani sandula uhlamba izitya sayidlela eya esibhedlela siyobona Aqha ngale mini inkulu

*zobuhle

Ndamnika u Loyiso amaphepha esahlukaniso ngoku besixoxa ngabantwana aba bakuye kuba ebengavumi ngabo sade sabe sifikelela kwikudla zama tyala kunzima ityala beli bekelwe i 28 ka December

Namhlanjer siye ku Aqha ebesalele yhooh yinto ibindi bulala oko leyo kodwa ndiziqi nisile kuthe kuba singene kwakhala omatshini kungene ogqirha benxamile ndihlale phantsi sabe sithandaza sonke kuze abasebenzi endisebenza nabo no nesi sathandaza sonke klk bendi phangela apha ninga libali

Sitsho ngodlwabevu lomthandazo satsho yangu qhuse k*mntu wonke kungene u Nathi ne femeli yakhe bathandaza nabo wabe endibambe enxeni kuthe kuse njalo waphuma ugqirha sonke sijonge kuye

Gqirha : uvukile umntana masibonge ophezulu ..uthethe wenjenjalo wabe sephindela ngaphakanti sisheke sivuya sonke bahamba abanye babuye emsebenzini kwasala nitha sisa linde ixesha lombona u Aqha

Like & comment

10/11/2023

Lento iluthando ngum khohlisi

Insert 38 📝

Bezihamba intsuku namhlanje beku ngo lwesihlanu lomini beku nxityiswa ngayo umfazi wesibini ka Loyiso mna naye besinga thethisani mntu begqithisa lonto ayifunayo ngelo xesha

ebengekho ke umnye eye kokwabo eyolungisa izinto zabo uko emke ngo lwesithathu mna bendi zihlelele kwam ndaqonda make nditshiye abantwana bam ndike ndiyokoba lento yenzekayo

nyanii ndivuke ndahlamba isiqu sam ndanxiba ndamhle ndayidlela uya ekhaya khulu ndabe ndihamba nge moto yam ..ndifikile exesheni yhooh beku phithizela ngabantu bengena bephuma

ndihlale apha emontweni ndimbonile umnyeni naye ephuma engena ebilile yhooh zivele zahla inyembezi andakwazi nozinqanda ndizoko thuswa ngumntu oqoqoza efesitileni

ndibu Bulelwa u Dabawo walapha ungezayo yhoog ndosule ubuso ndahlisa ifesile yemoyo

Me : molo dabs kunjani ..ndabe ndizi ncumisa

Buli : ayikho nale uyincumelayo uhleleni apha ungayo ncedisa abanye kanti ubuzothini apha hay ntombi susenzela lonto thina okanye uqhayisa ngale moto yakho hay uhambe apha ..akalindanga noba ndiphendule wahamba

ndiqonde mandiphume ndiye eziko gqo ndafika ndancedisa babe abanye beyana ngamehlo bendi hleba ndabe ndinga bethelwa mna

ihambile imini yaqhuba yonke into wayalwa umakoti wanikwa ingama loba ngu Emihle oko encumeza ke esenza itie kwathwa ndim ncedise

Khange ndibe ndithetha ndenze lento kuthwa ndiyenze sithe sise bhizi apha ekhitshini kwangena umnyeni wothukile futhi

Loyiso: ukhona kanti mama wowele

Me: ewe ndikhona

Loyiso : ndiyavuya uzile

Me : ok

yaphela njalo loncoko sana waya k*mntu wakhe wamsebezela wagqiba waphuma nditsheke ndine gaqa elilapha emqaleni

Sigqibe yonke into ndacela indlela ndahamba endleleni beku netha ke sana ndifike edlini ndahlala phantsi ndasothula isikhalo beze bebhabha owele ndabe ndinga kwazi nozinqanda iyembezi ndizi gqibele ndilila andaz ndiwe nini zacima k*m

Qhamokuhle : obona umama elila olwahlobo khange ndikwazi nothini bendophuke mna kuqala ndibaleke ndabiza umeza waza wabiza imoto yezi guli uphume ebaleka uAqha uwele ndithe ndimleqa ndabona imoto isiza ibaleka imbethe wayowa kude yogqiba yahamba ndisibize phezulu isikhalo

bephume abantu ndabe ndimbeke phezu kwam uwele ndililela kuye kufike utata nefemeli yakhe ndingazi babizwe ngubani ifikile imoto yeziguli yathatha umama baye ku wele ndibone bemfaka ubunxaka nxaka ndatsho ndathi usindile kuba ibinga baleki kakhulu imoto

utata ulandele ngeyakhe imoto ndatsheka mna kukubi kunjalo kuye kwase busuku kunjalo ndalala ndivuke kusasa saya esibhedlela no makhulu sifike kuthiwa akukho tshintso bakwi khoma boba bini

ayi bekuphi k*m belindi tshonele ilanga emini oko ndithandaza siphume apho ndonakele kakhulu utata uye waya kokwabo ndathi andihambi mna nyanii bendizi hlalela ekhaya ndithandaza ndiphuma ngoya eCaweni oko kwahla lento yo mama bendazana necawa ndokhonza ndinga dlali kubu hlungu kunjalo ndimane ndisiya ko mama beku ngakabikho tshintso abantwana bebehambe notata ndizi hlalela mna

Like & comment

02/11/2023

niphinde nifunde ndiyongezile

02/11/2023

Lento iluthando ngum khohlisi

Inster 37 📝

14 years later

Besele ndatshata kudala no Loyiso besine 9 years ngoku sitshatile izinto k*m naye besele zingahambi kakuhle mvanje ebentshintsile ephenduke umntu endinga maziyo ewe ibikhona lento imtyayo angafuni kuyithetha ebesela nosela mvanje ebese wandi xaka

Owele bebena 16 ngoku bekhulile abantwana bam mna no Loyiso besina bantwana ababini intombi eneminyaka eyi 12 ibhoyi ina 7 yona bebekhulile nabo befunda

Ndagqiba ukwakha ekhaya kudala ndabetha ngesi thabathaba sika 10 room no ronta ecaleni u Akha wabuya emzini kudala zange aphinde ahambe ebezi phangelela ehlala no Enzo no Lihle abantwana bakhe zonke izinto bezihamba kakuhle kwicala lakhe ebeke afowne abuze impilo klk ndaba ngumhlali wase bhayi andisa goduki ngenxa yokhweleta komnyeni wam engandi thembi ekhaya bendisiya xa kuthande yena nalapho andikhaphe ndingalali nolala phofu hay izinto bezithande ubanzima k*m


Kuthe kusenjalo kwavela into yoba umithisile Loyiso qha bendingeka binamadla ombuza kodwa intombi yona ibiziveza kuba obifowna apha k*m endixelela uba uzoyo nxityiswa kule veki zayo nangona mna ndinga xelelwanga

Ndithathe isigqibo soba ndimbuze lo bhutie kuba andizi boni ndohlukana naye hay ngoku ibingekho into etshoyo bendingeko neli kuva kabuhlungu manditsho kuba ndilala ngango ndivuke ngazo kuse amahlo edumbile kubenzima uya emsebenzini

Bekungo lwesihlanu namhlanje ndibuye seku late ndifike njeer ndakhulula into zomsebenzi ndangena emadakhini am ndanxima iziliphasi ndathwala ndahla uya ezantsi ndifike abantwana bebukele itv ndingene ekhitshini ndaqalisa imbiza zango kuhlwa ndipheke ndagqiba engeka buyi umnyeni

ndiphakele abantwana batya ndavasa izitya banyukile bayolala abantwana ibingu 10 ngoku oko ndilindile ndicime itv ndaya eromini ndangena ezingubeni ndalala cm kusasa ndivuke ekhona khange ndimve naxa engena

Me : ndileli ungekho ubuphi

Loyiso : bendizi khuphile nabahlobo bam

Me : wathini ungatsho kuba kudala ndiku fownela ungandi hoyi uphinda uqala lento yakho ngoku Loyiso

Loyiso : eyiphi yona into jonga sunxola apha ungenaphi khona baa ndis**aphi

Me : oh injalo ngoku ubona lento ndithule undijolela uhambe umithisa caba ufumene oncono kunam gquba ke bhuti andalinto

Loyiso : oh sebeku xelele naleyo akhonto zoyi phendula kuba sewuyazi inyani mosi jonga ndis**a kuye ngoku u Amanda ngo lwesihlanu ndiyomnxibisa zaba ngumfazi wam wesibini

uthethe njalo waphuma wanditshiya ndithe loxo apho yhooh hay ndisothule phezulu isikhalo ndoyibona imoto iphuma ihamba yhooh ayonto uthando rhaa bangene abantwana beleqana hay bendinga kwazi nozi bamba ngumsindo ndisophula kwanto ilapha u Qhama uphume naba bancinci kwatsheka u Qhamani yintoni mama ngoku

Bendinga kwazi nothetha undibeke esifubeni sakhe umntana wam ndakhalela kuye emana ukuthi kuzolunga mama mnyeke utata ungamtshiyi njer mama kutheni uvuma zijonge unjani uhlile emzimbeni awunguye ntuu uBuhle mama unekhaya cela ungazenzi lento yhooh ..ebendibulala nanga amagama es**a k*mntana akwazi ndenziwa kuk*mthanda

Like & comment plz

22/10/2023

Lento iluthando ngum khohlisi

Inster 36 📝

*Zobuhle

Kuphakiwe ke kwatyiwa babe bezazisa ke owh ebelungile ke umama walapha ethethela ezantsi babe bengangezi omakazi nama dodakazi into bendiyi bona bebenga ndicacelanga kwaphela abanye qha ke mna bendinga yikhathalele lonto yabo kuqokelelwe izitya ogqiba sayindlela ke thina savalelisa sayolala kwindlu ekalapha eyadini

Me: yhooh hay abandifuni abantu balapha sekufane kube ncono umama wakho abanye tuu Sana

Loyiso : ucenge uthandwa ngabo wena yakuthanda mc mna yilonto ebalulekileyo

Me: kalaku lv khange ndiyi lindele kele into kusole ndibe nezothe k*mntu wonke

Loyiso : umama no tata bayaku thanda bona bayeke abanye ekugqibeleni bebenga zokuthanda bonke and awuzanga kubo apha soqhubeka nomtshato wethu subana xhala zothetha no tata sibonisane

Me : kulungile ke bhabha masilale ngoku nduyozela

Loyiso: kulungile

Ndivuke kusasa ndamisa amanzi ndavasa ndabe dele ndizilungisa ndamhle ndivuse umntu wam wahlamba naye saqoshelisa saya kulandlu ikulu sifike sabulisa Ku mama no tata ndaya ekhitshini ndifike kukho umntu ongu Sisi ebhizi encedisa isisebenzi salapha bepheka ndibulisile

Me: molweni sisi kunjani

Koti : molo bhabha ndiyaphila unjani wena

Me : ndiyaphila nam ndiyaqala ukubona ke sisi or khange ndiku qaphele ngenxa yabantu abaninzi balapha

Koti : ewe bendingekho izolo sibuye ebusuku no bhutie mnyenii emsebenzini ibikhona indawo besigqithe kuyo ..mna ndingu Nokukhanya umakoti walapha wokuqala ndiyavula ke ndizoba nomlingani onguwe

Me : yhuuh hay nothi mna andino lunga kule yalapha ifemeli ababa ninzi abantu and abandithandi

Koti : s**a ukhathalele lonto wena hay mntase banjalo abantu bomzi soze bakuthande bonke awuyo mali klk wena ungowa lapha qhaa..utsho ehleka

Makazi : siyahletywa ngoku yhooh ungafundisi umntana wabantu ezizinto uzenzayo kuba kaloku awusi hloniphi wena awuna ndaba nathi

Koti : yayaz kaloku mna andidlali njalo soze ndiyimele eyogezelwa nini nibe nisitya mna aniphangeli into eniyenzayo kutya nophuma ningeza nothi k*m makazi

Makazi : usathi makazi ntoni awundiboni wena rhaa kuse khaya apha uzophuma uphi umzi wakho ungayo khonqoza kuwo

Bhutie : yintoni kuvukwa makazi hay khawuyeke unxola mani uziphethe kakubi gqithi ..masambe mkam siyohlala phantsi simshiye kelo ..molo nawe sisi masambeni

Siphume apho samtshiya ethule umakazi caba uyoyikwa ubhuti loo kuba khange athethe sifike bekhona nabanye sabulisa sahlala phantsi kuzile kutya satyani k*mnandi kuthule kile

Akhona: yhuuuh uncende wakhona bhutie omdala ke namhlanje kwatsho kwathuleka sitye kakubi ebusuku izolo oko bedibene abalapha ngomntana wabantu bemhla bemnyusa ngemi buzo yophangela ngathi ikhona abayenzayo bona

Bhitie : boyenza ndingekho keleyo and mayiphele lonto akazanga kuni u koti chin nitsho ngemfumba yabantwana ..masambe mkam sokubona ke koti xa uphinde wabuya nihambe kakuhle

Loyiso : masinga hlali nathi kukude ebhayi utsho ephakama wandibamba ngesandla sivalelisile sayothatha into zethu sazi faka emontweni sayindlela

Sifike ebhayi sele kungo kuhlwa singene endlini savuyelana bantwana satyani sabe sele silungi selela ulala ..ndifike ndalala chuum kudinwa

17/10/2023

Lento iluthando ngum khohlisi

Inster 35📝

Bezihambile iveki zazala inyanga ngoku besise kuqaleni kuka December zonke izinto bezisa hamba kakuhle kwicala lam besithandana into eqinileyo no Loyiso uzuqonde ngoku ebefuna uyondazisa ku bazali bakhe kuba enejongo ngam ..nam ke ndavuma baa singaya kokwabo so namhlanjer bekungo mgqibelo singaphangelanga yile mini siya ngayo kokwabo

*Zobuhle

Ndivuke kuqala ndahlamba ndavusa u Loyiso wahlamba naye sithe sogqiba sabe sisihla siyotya sifike seku lungile ukutya sityile sincokola sithe sogqiba saxelela u Zamoo baa siyahamba sobuya kodwa ngomso emini sisaya emthatha nyanii uvumile ke uZamoo wabe endifisela okuhle apho ndiya khona klk mna uZamoo bendimbiza ngo Makazi wam bendixelela yonke into ngam naye ebethetha k*m so besivana kakhulu

Siphume sahamba sidlule etown sangena into esizoyitya endleleni ogqiba sayindlela oko sihamba sintshintshana ngoqhuba apha endleleni sincokola bendino valo ke sana kuba ndiyaqala uyenza lento

*Loyiso

Mna ke ndingu Loyiso Mahuzi ndizalwa ngu Nokubonga Mahuzi no Melumzi Mahuzi ekhaya sizalwa sibane kuqala usisi wam omdala uPhumla kuze u bhutie Andile kuze mna kugqibele untombe ncinci u Nontle abazali bam bafundile banama shishini wabo usisi no bhuti baphangela kulo mashishini mna ndakhetha ufunda kuba ndingafuni uxhomekeka ebazalini bam kakhulu nagoku ke ndinendlu yemali yam nemoto yemali yam yonke into ndiyazenzela andiceli mali kubo

Ndibaxelele ngomntu endincumisana naye bathi mandize naye bafuna umbona ndiyathemba bomamkela uMaleta besisele sise mthatha ngoku nyanii ndivuse u Maleta satya saphuma sayochama sake sabethwa ngu moya saphindela emontweni ndihambe njeer kancinci sabe sele sifika ekhaya bekuka lapha edolophini

* Zobuhle

Uthe wothi sele sifikile u Loyiso laqala uvalo sohlikile ke sangena endlini uqoqozile kwavula umntana oyintombi ongaphantsi apha k*m uvule wabe evuyela ubhuti wakhe ubulisile nak*m ndavuma sabe sele singena nga phakathi

Yhoooh singene kwebe kuphithizela izisebenzi zalapha siye kwicala lotyela apho kukho itafile yotyela yhooh abantu abangaka sana caba bafuna uzibonela loo mntu uza nonyana wabo singenile ke sabulisa kwavunywa sahlala phantsi nam

Tatazala : oh nide nafika siyanamkela kwa Mahuzi nawe ntombi unjani kodwa

Me : ndiyaphila tata kunjani kuwe

Tatazala: siyaphila nam eeh khazasile klk ntombi

Mazala: molo wethu sisi siyavuya ufikile kudala ke mna ndifuna ubona loo Maleta kuthethwa ngaye ekhapha ..hay tata sukwenza umntana intloni chin

Makazi : hay klk asimazi thina makazi chaze ke simazi chiin sabe singxolelwa ngo Maleta

Yhooh hay bendivelelwe sana abanye bandijonge ngamehlo abomvu abanye bancumile bekunzima k*m

Loyiso : hay akhongxaki ndonazisa ngokwam loo ke

ndimqhawule engeka gqibi ndathi zozi thethela

Me : mna ndingu Zobuhle Luthuli k*mhlaba wase Qonce e Border post ndihlala no sisi wam khona abazali abasaphili mna no Loyiso sidibane eskolweni ebhayi evasiti enkoc

Sisi : hay awukagqibi nadibana nathini klk chiin

Makazi : nyanii kuba klk unyana loo wethu ufundile ngu gqirha wena uyintoni ke kulo fundo yakho yebhongo

Loyiso : hay nitsho baa nifuna sihambe sinitshiye ungenaphi umsebenzi apha ..naye ke ngu gqirha kwesinye isibhedlela esikhulu sase bhayi sele etshilo ke u Maleta sidibene ke sathandana mna naye uyazi hlalela nam ngoku njalo iphelele apho

Makazi: oh unaye ke umntana kuba u Loyiso akanaye ke yena

Yhoooh hay sana loo makazi akandifuni qhaa yhooh ndithule ndencwaka mna sana waphendula Loyiso wathi akanaye makazi ufuna uthini yhooh kuse kwamuncu etafileni sana

14/10/2023

Lento iluthando ngum khohlisi

Inster 34📝

Lindelani

Ndifike u Nosipho evutha ngumsindo haybo noba yintoni ke ngoku yhooh akayazi intloko endinayo njanii klk athandane ndikhona Zobuhle akandiboni mosi ndiya phaa ngoku

Me : yintoni nha wena ube unxoka hay marn awuhlelanga wedwa apha uyafundekela awuziva

Nosipho : mandingaqhelwa kwam Zulu yandiva kungena kuphuma amantombi apha ndikhona jonga ndimxelele indaba zakhe rhaa injakazi

Khange awagqibe ndayifaka yaphelela impama njanii undimoshela ngoku sekunje ndimphinde ngenye wayowa

Me : jonga kukwam apha uzose ubuyele apho ubuvela unganomzi onje wena uhambe uthuka abantu ongabaziyo apha ..ngumfazi wam wesibini ke lowa ndithembe uyoliva ixolo lam kungejalo ndiyabuya ngawe

Ndiphume ndibhabha ngumsindo yini no Sipho undimoshela kangaka yhooh akhonto igumfazi andazi noba ebesiyaphi ndiqhube ndayindlela uya ku Zobuhle

*zobuhle

Ndivukile wabe ekhona Loyiso singene kwigumbi lovasa savasa kunye sake saphana kulo manzi ashushu siphume apho imizimba ithe saa kamnandi sinxibile sabe sele sisihla uyotya kuba bekusele kulate ngoku

Sifike owele bebukele itv nathi sihleli phantsi sabukela opopayi abo babo wabe esagqibezela upheka u Zamoo ..kutsho inokhi enyango wayovula u Loyiso

Lindelani : walapha ebusuku ufunani yintoni ubangumqobo endleleni yam

Loyiso : wena ufunani apha elixesha umtshiye nabani umfazi wakho

Lindelani : oh sekuxelele nalonto khosuke andizanga kuwe apha

Loyiso : kudala ndakwaz wena qhaa Bible bendifuna azibonele ukuba ungubanii uyinja wena ebetha abafazi

*zobuhle

Hay marn ndiqonde mandiphume kuba ndisiva ingxolo chin akandiboni Lindelani nguye loo ungxolayo apha

Me : cela ungene endlini sithandwa Sam zamhoya ngokwam loo uthi Ku Zamoo aphake ndiyeka uhambile Loyiso wasitshiya

Me: ufunani apha ebusuku jonga into yam nawe iphelile ke bhuti cela uphume uphele kwam ukhangele umfazi wesibini ngoba mna andinguye yandiva ..ndimtshiye apho ndangena endlini ..sityile evakoko sayo lala oko sihleka sincokola nesithandwa Sam...ndifownele u Liso ke Sana ndimbalisela ewe Lento iluthando ngum khohlisi ..bendimthanda ulindelani kakhulu futhi kodwa bendonele kuba ligeza lakhe ..sincokole into ende noliso ndabe sele ndicima isibane wabe elele umntu wam nam ndingene kwezo ngalo zakhe ndee chuum kamnandi

Like & comment

14/10/2023

Lento iluthando ngum khohlisi

Inster 33📝

*Zobuhle

Ibiyintseni yango mvulo namhlanje ndibuyela emsebenzini indlela bendivuya ngayo bendikhumbula nyanii ubapha ndilungise into zam ndayindlela uya ezantsi ndifike u Loyiso esitya wabe ebhizi uZamoo esebenza ehla esenyuka encula eviwa nguye ingoma owele bebe salele ke bona

Me: molweni hay sana Zamoo uvuke uchulu mancine namhlanje kwenze njani

Zamo: ndithini nontombi ndonwabile abantwana bam bazonxiba bafane nabanye uphelile unyaka ngu Octomber ngoku bayavula ngomso ndivuya nyanii

Me : yonwaba Zamoo xa into isitsho ..ndothatha njeer ilantshi yam andinoba satya ndoba late klk utata walapha ukhethwe ungandi vusi

Zamo : kulungile thatha ne ziqhamo utye endleleni myeke loo ufuna utyaba yedwa

Ndiphakame sendihleka ndathatha into zam ndaphuma wabe elandela u bhutiza ehleka naye ..sikhwele emontweni waqhuba u Loyiso ndabe ndisitya mna ubeke mna wandula uhamba

Ndifike ndaqala ndayo sayina ndadula uya e ofisini yam ndenze umsebenzi wam ndaphuma ndaya kwizi gulani zam ndazijonga yonke into ndabuyela e ofisini yam nda buys zii file zeziguli..ndithe ndise bhizi njalo kwatsho inokhi emnyango ndiyalele uba makangene kungene u Lindelani sele esinekile luncumo

Me : yintoni nha sana wachulu manca kusasa

Lindelani: ndothini ungonwabi ekhona umntu wam

Me : oh ndingumntu wakho ngoku jonga ke bhuti ndize emsebenzini apha andizelanga wena ngapho koko cela undiphumele ngoba uyandi phazamisa ndibhizi kakhulu

Lindelani : ima ndicacise klk Buhle wam into ikanje . .eeeh eeh

Me : uxakwe kuthetha ngoku khophume marn ungandi phambanisi mna ndimoshela usuku lwam ...

Khange athethe uphumile ndatsheka ndisebenza nge xesha lokutya khange ndiphume ndityele apha e ofisini yam ndabe ndi buys efownini yam ..andithe ndisahleka ethethwa ngu Facebook kwangena u Loyiso ephethe ukutya sana nento ezimnandi

Ndiqonde make ndizotya nawe namhlanje ndonqene ubhoreka ndodwa kula ofisi klk ekekho Liso usaye kokwabo

Me : oh ungahlala Sthandwa sam bendi kukhumbula nam ndibhorekile apha

Loyiso : yhuuuh awandibiza kamnandi bhabha.. utsho endiphuza izindlele

Me : ndithini ungumntu wam Loyiso ndiyakutha kakhulu futhi ndinawe ngoku

Loyiso : ok bhabha masitye enye soyithetha endlini

Nyanii ke sityile sincokola ngimsebenzi sithe sogqiba ndamkhapha uya emontweni ndabuyela e ofisini sele abasebenzi bendijongee

Ndiqhube nomsebenzi wam mna ndingena ndiphuma ndi bhizi ziziguli ndabayeka ondaba zabantu late ndiphumile ndatixa ofisi yam ndayibetha yancinci ukuya kwa Lindelani ndinqonqozile ndee gqii osisi uthile evula ndothukile ndamjonga

Me : molo sisi ukhona ubhuti walapha ndizise into kuye ebeyitshiye emsebenzini

Gal: molo nawe akekho ungayitshiya zomnika ngokwam

Me : hay xa engekho Mandihambe ke akhonto wethu

Gal : jonga ubuthe uzise into yitshiye ..oh nguwe ondityela indoda yam gqirha kanti jonga ke ndim umfazi ka Zulu ekekho omnye yandiva ndikhona ngoku

Yhooh ndiphume apho ndingakhuphanga elimdaka igama nditshiya umfazi wo Zulu ethukisa ndifike endini ndake ndalala kancinci ebengeka buyi Loyiso

Like & comment

09/10/2023

Lento iluthando ngum khohlisi

Inster 32📝

*Zobuhle

Sihleli apho ke nowele sibukele itv k*mnandi ndiba bone sele belele ndaba thatha ndabanyusa ndabasa egumbini labo lolala ndabalalisa ndaphuma ndihlile ndabuyela etv ndingene ku whastapp ndafika e online u Lindelani . .ndimbulisile ndabuza uphi wathi ukhona apha endlini ok ndiphumile ku Lindelani kulo ncoko ibandayo ndangena Ku Loyiso ebe online undibulise kuqala sancokola into ende wabuza andiphathele ntoni late ndingapheki ndamxelela ke ndaphuma Ku whastapp

Late ufikile Loyiso ungenile wandiphuza esindleleni sabuzana impilo saya egumbini lophekela sabe sifundumeza ukutya sayothatha owele satyanii sagqiba sayo bukela itv bayolala owele sibukele sabe sincokola ecaleni

Loyiso : kutheni khona bhabha kungekho sisebenzi apha kulendlu inkulu kangaka

Me: hay andinaso ndiyasi funa ke kanti ibengumntu ongu mama onesidima andibafuni aba bangangam ndihlu k*mezelwe abantwana

Loyiso : ubotsho klk bhabha xa undinga into sizothetha ngayo kuba nyanii ngumthalo loo funeka wenze yonke into no ayiphinde yenzeke lonto ukhona umama ebephangela k*m qhaa ebesele eyekile kuba bendingam ndingi kuba ndihlala ndodwa so kwanyanzeleka ayeke . .wava kabuhlungu xeim eyeka kuba unaba zukulwana abakhulisayo ngoku bekuzoba nzima kuye ..waphela ehamba ke

Me : khamfownele umbuze ukuba usawu ndinga nha umsebenzi angaqala nini kuba ndimfuna nanini xa e free zovulwa izikolo ndibe buys

Loyiso: ima ndimfownele ..molweni mama kunjani

Nomzamo : molo mntanam ndiyaphila unjani wena

Loyiso : kuhle kakhulu Zamo ingaba wade wafumana umsebenzi mama

Nomzamo : uyandikhumbula nha nyana hay zange kunzima ngoku k*m abazukulwana baya vukuzela ziyavulwa nezi kolo kunzima

Loyiso : ukhona u sisi osemtsha unama wele ane 1 years ayavunda ngoku undinga umntu ..ngoku ndacinga wena mama nempatho yakho

Nomzamo : owh umkhulu bawo undibone ngantoni ngoku kunzima kangaka mxelele ndi free angaza uzondi thatha ndiqale mntana wam undincede kakhulu

Loyiso : sizoza ngomso mama kuba uzovula emsebenzini so ufuna uvula sele kukho umntu ozokhabe esheka nabantwana lozuzu zingeka vulwa izikolo

Nomzamo : kulungile ndolungisa nofika ndini lindile ngomso usale kakuhle ke by

Utsho sele ecima ifonofono evuya kuba ezoqala umsebenzi omtsha klk u Nomzamo uzihlalela naba zuku lwana abahlangu intombi yakhe yayo tshona e jozi into eyaziyo k*mitha ogqiba azoba zitsha no nina ahambe angakhuphi esenti emdaka ubuya xa ezise omnye aphinde ahambe owokuqala una 16 onye 14 onye 13 onye 11 omnye 9 noko bebe sele beba dala bekwaz uzihlalela xa umakhulu wabo ephangela ebokhile ke umakhulu ezama bebeno 6 room wesitena omhle noko bebe sokola kancinci kuba umakhulu wabo ebesenza nzima emisa ikhaya labo ngoku bebephila ngemali ye grant uNomzamo ubalisele abazukulwana ngezi ndaba bavuya ke walala elungisile

* Zobuhle

Unobu bele ke khona ndiku thandela inkathalo lee unayo yhooh masilu ngiselele ulala ndiyozela mna

Loyiso : kulungile masambe nam sele ndifuna ukuthi ncaa apho kuwe

Me : lol iza kuyabanda ...sinyukile ke safika sakhulula sangena ezingubeni siphuzele salala ndikwe sosifuba sakhe ...mvanje ebelala apha lobhuti nam bendinga mbuzi kuba nam bendi mandelwe kulala nomntu ecaleni kwam kuba besingenzi kwanto besilala qhaa

namhlanje beku nge Cawa ndivuke ndayohlamba ndavusa u Loyiso wahlamba ndondlula ndacoca igumbi lam lakhala umoya ndivuse owele ndabahlamba sahla ..sifike sele kulungile ukutya segqibile Loyiso sihlale phantsi satya sagqiba ndavasa iizitya sahamba uyothath uZamoo klk ngomso ndiyavula

Siphume sahamba bekuqhuba Loyiso sihamba ngeyam imoto siphume njeer kancinci apha etown sabe sele sisiya kwi lokishi ekufutshane sihambe kancinci sabe sele simisa k*mzi omhle

Me : haybo uhlala apha uNomzamo ..ingathi kuhle njeer yaz ihlobo benithetha ngalo khange ndicinge zofikela kwikhala elihle kangaka

Loyiso : yayingu mkhukhu uqala kwam uza apha kwathi emva kwenyanga epbangela ekhaya u Zamoo sambona esokha caba ebe save enye imali kuthe kuse njalo wayongeza yatsho yangu 6 uzamile loo mama wabiya iyadi yakhe watsho kakuhle waphela umsebenzi kuba omama behamba wabe ephume endlu yakhe u Zamo ..ndiqonde ngoku ndihlala apha beku mndaka ndambiza haphangelela mna ke ngoku .

Me : yhooh ndikholwa ngumntu onje ke mna kuba ndibe ndinika umntu imali endiyi phangelele nzima abe endlala ngayo yena ..kuba nam yabona ndiya phangela ngoku kodwa ndivusa ikhaya lam ewe bokhile loo 6 room wabo kodwa nam ndifuna umisa impomakazi ecaleni kwawo kucace ndingu gqirha ndiphume ekhaya elihle elokhiwo ndim yhuuh sizo vana nomamzo

Singenile sibulisile kuba ntwana senzelwa itie saphuma u Loyiso ukhuphe R500 wanika loo umdala bathenge izonto ezitshotayo satsho sayindlela

Like & comment

08/10/2023

Lento iluthando ngum khohlisi

Inster 31 📝

Zobuhle

Ndilungisile nowele savalelisa ko Enzo sayindlela sifike e town e Qonce sathenga into yotya e ndleleni sayindlela sifike emthatha esilindile u Loyiso sivuyelene ke nowele bemvuyela sohlikile sangena e Nandos sa oda kwaza ukutya satyani sincokola siphume apho sihluthi sayongena emontweni waqhuba ngokwakhe u Loyiso sabe sincokola

Sifike kusasa eBhayi kuba besi hambe seku late sifikele kwam salala sonke ebhedini eyi 1 ndivuke kuqala kusasa ebelele Loyiso owh ufanele ebediniwe xeim hay ndiphume ndabashiya belele ndingene kwi gumbi lovasela ndake ndahlala ebhafini ndavasa ndicinga inxaki zam

Kuthe kuse njalo ndothuswa ngumntu ongenayo ibingu Loyiso ebebhinqe itawuli caba ebezo vasa naye wothukile wondi bona

Loyiso : molo bhabha kanti ulapha ndicinga use zantsi wenza ukutya ndiya kwazi klk wena ngembiza ..utsho phofu esusa itowli engena emanzini naye

Me : hay Loyiso yhooh hay nditsho ndizi gquma amehlo zintloni

Loyiso : uyiqhelile njer lento awuqali ngam ubona umntu eze chiin susa enzodlanza sivase bovuka abantwana bhabbha

Ndizisusile savasa ke sana ebane endiba sana ndithe ndisithi nako endivasa lomfana sana . hayke nam ndizibone sendi thamba yhooh ebemhle naku umfana hay ndisondele kuye ndamcamisa kuqala khange athethe undilandele ngocoselelo sincamisene ixesha elinde uyiqhawule ngokwakhe wabe sethetha

Loyiso : kudala ndiyilindele lento yiminyaka ndikulindile ukuze undibone ukuba ndiyakuthanda ..jonga bhabha ndiyakuthanda mna ndakuthanda ndiqala ukubona qha ndandi soyika ukuphazamisa ezifundweni zakho kuba waya eskolweni unenxaki zakho ..ndaba zolinda ithuba eli lungileyo ndiku xelele ngemizwa yam

Ndakhubeka kakhulu xa ndisiva baa uyathandana ngoku kodwa ndazixelela into enye zose ndiku ncame ungo wam wena ungakhabe uhlala undize kodwa ungumfaz wakuthi wena ..ininzi into endiyaziyo ngo Lindelani uhlala emthatha qhaa ndifuna uzame ukwaz nguban ubuye undixelele baa ungayi mela lonto wena

Masidlule apho bhabha mna ndiya kuthanda soze ndakuvisa ka buhlungu cela undiphe ithuba ndiku bonise ukuba ndikuthanda nyanii maletakazi

Me : yhooh andaz ndithini kodwa nam ndiyayiva lento uyivayo qhaa ndixakiwe kuba asiko hlukani no Lindelani andaz ndithini cela undiphe ixesha ndicinge zokuxelela ndothatha izigqibo baa ndifunani

Loyiso : kulungile bhabha thatha ixesha lakho vha ..

Me: yhooh siphinde saphuzana ixesha elinde wandi funqula wayondi beka ebhedini udlalile ngomzimba wam yhooh hay uyayenza into yakhe usukile exesheni Loyiso wathatha into yokosula wandosula kakuhle wandi thambisa Sana wandikhethela into yonxiba ndanxiba naye uthambisile ndimncedisa kungekho othethayo uthathe impahla zakhe wanxiba naye undibambe nge sandla sahla uya ezantsi

Sifike ezantsi senza into yotya sincedisana kuvuthiwe ukutya ndaphaka satya wabe esithi uyaleqa ucela uhamba uzobuya late siphuzene futhi wahamba ..ndinyukile ndavusa owele bavasa ndabanxiba sahla ndabatyisa sabe sele sibukela itv

Like & comment

06/10/2023

Lento iluthando ngum khohlisi

Inster 30 📝

Ndivuke kusasa ndavasa abantwana ndavasa nam ndahla ndayopheka uhlile no Akha satyani ndavasa izitya ndacoca kwakhala umoya sihleli esofeni sabukela itv exesheni kufike i track ezise izitena zayingenisa yazothula ke nenzinye izinto zokwakha exesheni iphinde yemka sahlala imini yonke

Ndinyukile ndafika ndapakisha iimpahla yam no wele kuba sibuyela e Bhayi ngomso kuba bebezo vula bona esikolweni ndithe ndogqiba ndafownela u Liso sancokola ndafownela no Loyiso sancokola wabe esithi naye unyuka ngomso sodibana etown emthatha sihambe sonke

Ndithe ndogqiba ndayopheka ukutya kwango kuhlwa satyani exesheni silungiselele ulala salala chumm

*Lindelani

mna ndizalwa ebukhosini utata wandinyanzela ndithathe umfazi endinga mthandiyo lamntana ndamwina epatini utata wandibona xa ndimkhupha kusasa wathi mandimenze umfazi kwakunzima ndingavumi exesheni ndavuma ngenxa yemeko ..ngoku emsebenzini kuthe kofika u Zobuhle ndamthanda ngoku oko ndimzulisela inyanga sithandana ndinga funi umxelela ngevelaphi yam ..ngoku ndibone ukuba njengoba ndizo buyela emsebenzini ndimazise ngomfazi wam nabantwana bam abathathu yena ndifuna umenza umfazi wesibini ukuba uzovuma baa akavumi angabe uyophulile intliziyo yam kuba ndimthanda nyani u maleta andifuni xoka ndilungise into zam ndabuyela ebhayi u Nosipho umfazi wam ebenyuka nam kuba efuna uyokhangela umsebenzi kwela cala

Sidlule etown sathenga into yotya saphinda sangena endleleni ethubeni sihamba side sayongena e Bhayi ndimise egatini ndapopoza wavula unogada ndangenisa imoto ndacofa igaraji yangena sohlikile oko encoma ke u Nosipho ubuhle balendi klk ebeqala ukuza apha oko satshatayo besine 7 years sikulo mtshato and bendimthanda ngoku ngaxola kudala ukuba ngumfazi wam

Nangoku nduvuma enyuke ndifuna uk*mfaka ezintweni ayeke ubangu nolali ake azithole aziqoqe afane nabanye kuba mhle yena qhaa ebezi yekile marn engazi lungisi

Singenile ke sincokola bekusele kuse busuku ndithe masiqale ngotya nyanii sityile sagqiba sanyuka sishiya u Noluntu ongumncedisi evasa iizitya singene eshawa sake sahlambana ndimgudla hay wama u jola omncinci wagqibela kudala oko ndafika emakhaya zange senzento bendise ndiphelelwe ngumdla hay uthe woma ndangena kuye andabuza yhooh siyenzile into yethu kulo manzi siphethulana siphume imizimba ithe saa yhooh ebecaca wagqibela kudala umntu wam yhooh hay bendimhambile ..sinxibe into zolala salala chumm kudinwa

Kusasa ndivuke ndamenzela ukutya satya sayohlamba saphindana siphume apho salungiselela ukuya etown bendifuna ayothenga iimpahla kuba ndithe azitshiye zonke eziya zelali siphume sibambene singene emontweni siqale ngokwenza intloko saphuma sathenga iimpahla ndadula sayotya sayindlela ubuyela endlini

Me : Nosi ikhona into endifuna siyithethe

Nosi : thetha tatabo ukhala ngantoni

Me : uxolo ngoku delela kodwa ukhona umntu endithandana naye akudalanga sithandana ngoku ndibone ukuba ndikwazise kwangoku ungothuki xa umbona ezisa apha engatshongo

Nosi : yinto bendiyi lindele leyo. .hay andina nxaki so uzomba kude kubenini zithini I plans zenu

Me : zange ndimxelele ngemvelaphi yam kungona ndizoma zisa ngoku nditsho ndimthathe abe ngumfazi wesibini wam

Nosi : akhonto ndinoyi phendula kulungile ubuhleli uzigqibele ngalonto ..uphume wangena endlini embi apha ebuseni Nam ndihleli neplasic ndazingenisa ..ndifike elila yhooh ndase ndadikwa andithetha ndibeke izinto ndamtshiya ekhala

Like & comment

Address

Border Post Location
King William's Town

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Lento iluthando ngum khohilsi posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share